Masigoduke tata ka Luvo (Masigoduke tata ka Luvo) – Via Afrika isiXhosa HL Grade 7 Novel
R60.00
UThembile noNolwazi sisibini esitshatileyo esiseze ngobuso ezweni kwelo laseMbizana. Izinto zabo zibahambela kakuhle. Banengqilikazi yomzi omhle, baqhuba iinqwelo ezikudidi oluphezulu kwaye abantwana babo bafunda kwizikolo eziphucukileyo. UThembile usebenzela uMasipala waseMbizana njengoMlawuli omkhulu kaMasipala. Zonke izigqibo namagunya enziwa nguye kwaMasipala.
Nanjengomqeshi uThembile uye waqesha imbelukazi apha kwaMasipala egama linguThumeka njengoMphengululi Zincwadi Wangaphakathi. Baye basebenza kunye amaxesha amaninzi, nasezintlanganisweni behamba kunye kanti iindonga zizakuwelana. Ngomnye ulwesihlanu uThembile noThumeka baye bahamba kunye besiya entlanganisweni yooMasipala eMthatha, baza bavumelana kwelokuba bangabuyi koko bazikhuphele eMzamba ngaloo mpelaveki.
Kwelinye icala uNolwazi oyititshala ngokusebenza ushiyeke ekhaya nabantwana esazi nje ukuba indoda ayizubuya. Ugqiba kwelokuba ahambe nabantwana baye eMzamba. Zifundele ke mfundi uzivele, kaloku indaba yotyelo ayikholi.
Related products
-

-

Oxford First Bilingual Dictionary: isiXhosa and English 2e – 9780190758226
R130.00 – R209.00Price range: R130.00 through R209.00 ISBN: 9780190758226Select options This product has multiple variants. The options may be chosen on the product page -

-

Sithanda isiXhosa Book 2 – 9781920204112
R80.00 – R125.00Price range: R80.00 through R125.00 ISBN: 9781920204112Select options This product has multiple variants. The options may be chosen on the product page

